Yintoni iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ngoobani amalungu eBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ngummeli ovela kwiphondo ngalinye;
Ngabantu abonyulwe nguMphathiswa , kwaye kujongwe nobungcali babo, kwanabantu belizwe;
Ngabameli basePosini, Oonocanda nabenzi beemephu neBhodi yeelwimi, iPANSALB.
Kutheni kwafuneka iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ukuqinisekisa ukuba indawo inegama elinye kuphela kwaye eli gama libhalwa ngendlela enye.
Ukuqinisekisa ukuba abantu bayazidibanisa neemeko zembali, ezenkcubeko ezentlalo nezoqoqosho zamagama lawo.
Yintoni imisebenzi yeBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ukwenza lula kwaye landlale nezikhokelo zokuseka iKomiti ye Phondo yaMagama ezeLizwe kwiphondo ngalinye.
Ukwamkela, ukuphanda nokucebisa ngamagama amatsha ezelizwe acingiweyo nokutshintshwa kwamagama akhoyo angeniswe yiKomiti leyo yePhondo namanye amaqela ukuze uMphathiswa abe nokuwamkela.
nemibutho kazwelonke neyelizwe jikelele;
nemibutho yenkcubeko, eyembali neyeelwimi;
neeKomiti zaMaphondo zaMagama ezeLizwe;
Ukuqulunqa nokupapasha uludwe lwamagama amkelekileyo ngokwasemthethweni.
Zintoni iiKomiti zaMaphondo zaMagama ezeLizwe?
Ngamaqumrhu agunyaziswe nguMthetho ukuba abonisane nowonke-wonke, aphande kwaye enze izindululo ezingamagama ezelizwe eziya kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe. Ezi komiti zisebenza kunye neBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe.
Ngoobani amalungu eeKomiti zaMaphondo zaMagama ezeLizwe?
Ngabameli bePhondo kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe;
Ngamanye amalungu onyulwe nguMphathiswa webhunga eliLawulayo, umzekelo iingcali zeelwimi, ezamagama ezelizwe nabezemephu,amalungu karhulumente wengingqi, iNdlu yeeNkokeli zeMveli, ukhenketho njalo najlo.
Yintoni imisebenzi yeKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe?
Kukulungisa amagama acingiweyo ukuze loo magama angeniswe kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe.
Kukubonisana noogunyaziwe bengingqi nabanye abantu abachaphazelekayo.
Kukuqhakamshelana neBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe.
Kukufundisa uwonke-wonke ngenkqubo yokuthiya iindawo.
Siyenza njani le nto yokwamkelwa amagama?
Inyathelo loku- 1 Chonga igama.
Inyathelo lesi- 2 Bonisana nabantu eliza kubachaphazela.
Inyathelo lesi- 3 Vumelana nabo.
Inyathelo lesi-4 Funa ifomu yokwenza isicelo kwiKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe.
Inyathelo lesi-5 Fumana lonke ulwazi olufunwa kule fomu, umzekelo; imvelaphi nentsingiselo yegama, nelesibini elikhethiweyo.
Inyathelo lesi- 6 Ngenisa ifomu kwiKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe.
Kwenzeka ntoni kwifomu yokufaka isicelo?
IKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe iyangqina ukuba uwonke-wonke kuboniswene naye kwaye uyasivuma isindululo.
IKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe iyahlola ukuba igama liyahambelana na neemfuno zeBhunga loMzantsi Afrika laMgama ezeLizwe ukuze ke ilithumele kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe.
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe liyalihlola igama ize ilibuyise okanye ilithumele kwiingcali ukuba ziliphande kwakhona.
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe lilidlulisela igama kuMphathiswa ukuba lamkelwe.
Igama elamkelweyo lipapashwa kwiGazethi kaRhulumente.
Imithetho-siseko
Amagama ezelizwe amele ukuphetshwa ngala:
Amagama anyelisayo, angenasidima, athukayo okanye angavakaliyo;
Amagama anocalulo okanye aphantsi ngokubhekiselele kuhlanga, ibala, udidi, isini, ezokuzimanya ngokwepolitiki okanye neminye imibandela yezentlalo;
Amagama angathathwa njengesibhengezo semveliso, senkonzo okanye somzi-mveliso.
Ukuthiya iindawo ngabantu
Amagama abantu abaphilayo makaphetshwe.
Iindawo zezelizwe ezithiywe ngamagama abantu kufuneka zihambelane nezinga labantu abo ( umzekelo, ukuthiya into engacacanga ngegama lomntu obalulekileyo kuzwelonke).
Imvume ebhaliweyo kufuneka ifunyanwe emntwini okanye kusapho lomntu lowo okanye kwiindlalifa , apho kunokwenzeka, phambi kokuba igama lomntu lisetyenziswe.
Umnxeba: 337-8155
